Ukuchongwa kwezilawuli - Imoto Elula
Ibhokisi Yegiya Yesandla
Injongo kukwazisa umfundi oqhubayo ngezahlulo eziphambili ezibonakalayo zemoto. Injongo kwakhona kukunceda umfundi oqhubayo ukuba achonge izilawuli ekufuneka zisetyenziswe kunye ukugqibezela isenzo esithile. Izilawuli/izahlulo zebhokisi yegiya yesandla yemoto elula zezi zilandelayo.
- 1. Isipili Sembindi Sokujonga Ngasemva — sisetyenziselwa ukubona ngasemva kwemoto yakho.
- 2. Isisuli Sefestile — sisetyenziselwa ukucoca ifestile yangaphambili yemoto naxa uqhuba emvuleni.
- 3. Izipili Zasekhohlo Nezasekunene Zokujonga Ngasemva — zisetyenziselwa ukujonga okungasekunene nokungasekhohlo ngasemva kwemoto yakho.
- 4. Ivili Lokuqhuba — lisetyenziselwa ukutshintsha icala lemoto, oko kukuthi ukujikela ekhohlo okanye ekunene okanye ukugcina imoto ihamba ithe ngqo.
- 5. Iswitshi Yesibane Sesalathisi — isetyenziselwa ukwazisa abanye abasebenzisi bendlela ngenjongo yakho yokuqondisa ekhohlo okanye ekunene, okanye ukujikela ekhohlo okanye ekunene. (ingakumbi xa utshintsha imizila).
- 6. Intonga Yegiya — isetyenziselwa ukutshintsha/ukukhetha igiya.
- 7. Ibhreyiki Yesandla — isetyenziselwa ukuqinisekisa ukuba imoto yakho epakiweyo ayishenxi. Isetyenziswa kwakhona xa upaka ushiya imoto ingajongwanga. (Qaphela ukuba ezinye iimoto zinokuba nebhreyiki yesandla esebenza ngonyawo (umz. Mercedes-Benz).
- 8. Iphedali Ye-clutch — isetyenziswa xa ufaka okanye ukhupha igiya okanye utshintsha usuka kwelinye igiya uye kwelinye.
- 9. Iphedali Yebhreyiki — isetyenziselwa ukumisa imoto yakho, ukunciphisa isantya okanye ukuma, ikwasetyenziselwa ukuphepha ukucima kwemoto phambi nje kokuma ngokupheleleyo.
Xa ubhreyika umgama okuthatha wona umqhubi wemoto ukuba ame,
(i) mde ngakumbi endleleni emanzi kunendlela eyomileyo.
(ii) mde ngakumbi ukuba imoto ihamba ngesantya esiphezulu.
(iii) mde ngakumbi ukuba imoto ilayishiwe. - 10. Iphedali Yesinyusi-santya — isetyenziselwa ukonyusa isantya semoto yakho. Isantya semoto sinokonyuswa okanye sinciphiswe ngesi silawuli.
- 11. Ihutha — lisetyenziselwa ukulumkisa abanye abasebenzisi bendlela ukuze kuphetshwe ukungqubana.
Pass